My Basket Your shopping basket: 0 item
Call us
 
Imigaqo nemiqathango
Afrikaans - English - Sesotho - Xhosa - Zulu

Nceda uqaphele: Le migaqo nemiqathango iyafumaneka ngesiBhulu,
ngesiZulu, ngesiSotho nangesiNgesi xa unokuyicela. Tsalela kwa-0861 466324.

ISIVUMELWANO SOKUTHENGA NGETYALA xa uthenga ngetyala ngokweCandelo lama-93(2) kuMthetho weSizwe wokuthenga ngetyala wama-34 ka-2005

Owenziwe phakathi kukaHomeChoice (Pty) Ltd, NCR no: NCRCP454
78 Main Road, Wynberg, 7800, Umnxeba: 0861 466324

Kunye

NoMthengi, njengoko kuchaziwe kwelinye Icala kolu xwebhu (Izinto
ezithengiweyo ezirhafelwayo/isivumelwano esenziwe kwangaphambili nekowuti.)

Le migaqo yifunde kunye nefomu yokufaka i-odolo, nesivumelwano esenziwe kwangaphambili neKowuti/izinto ezithengiweyo ezirhafelwayo, inqaku lokuhanjiswa kwezinto, Izavenge zarhoqo ngenyanga nesibonelelo (oku kubandakanya zonke izibonelelelo ezifanelekileyo zencwadi enezinto ezithengiswayo yakwaHomeChoice nezinye Izinto zentengiso ezinezibonelelo zokuthenga ngokubhekisele kwimigaqo nokufakwa kwamaxabiso kubandakanywa nokufowunelwa abantu) ("isibonelelo"), sibandakanya isivumelwano ("isivumelwano") phantsi kweHomeChoice (Pty) Limited ("uHomeChoice"), unikezela ngezinto ezithengiswayo ("izinto ezithengiswayo") njengoko zichaziwe kwincwadi yezinto ezithengiswayo yakwaHomeChoice eya kuMthengi ("uMthengi") onegama elipheleleyo nedilesi elibonakalayo kwifomu ye-odolo xa efaka i-odolo yezinto ("ifomu ye-odolo") okanye, ukuba i-odolo yenziwe ngefowuni, kwisivumelwano esenziwa kwangaphambili neKowuti/izinto ezithengiweyo ezirhafelwayo, uMthengi utyikitya kwaye avume le migaqo kwindawo ebonelelweyo kwifomu ye-odolo okanye akwenze oko efowunini ukuba I-odolo yenziwe ngefowuni okanye xa zisisiwa kuye izinto apho kufuneka uMthengi atyikitye ukufumana kwakhe izinto ezithengiweyo ("inqaku lokuhanjiswa kwezinto"). Xa uMthengi ingenguye otyikitya ezi zivumelwano, loo mntu utyikityayo kufuneka abe unikwe Igunya lokutyikitya egameni loMthengi, ngaphandle kokuba uMthengi uyazibuyisa ezo zinto zingaphelanga iintsuku ezili-14, (ezilishumi elinesine) zokuziswa kwezo zinto. ukungatyikityi kwakhe akumenzi abe akazamkeli ezo zinto uMthengi kwaye/okanye ukungazomkeli kwakhe ngokwemigaqo kunye/okanye ukungazomkeli ngokwemigaqo yokuba uHomechoice embonelele ukuba athenge ngetyala uMthengi. UMthengi kufuneka akubonakalise ukungazamkeli izinto ngokuzibuyisa ezo zinto ngokwegatya 1.3 ngezantsi.

1. Ixesha lokuvunywa
1.1 Phambi kokuba uHome Choice ahlole ukuba ungakwazi na ukutyhenga ngetyala, akukho nto kwesi sivumelwano eza kubophelela uHomeChoice ukuba anike uMthengi izinto. Ukuba uHomeChoice ukhetha ukunikezela ngezinto uza kuzisa kuMthengi onokuzamkela okanye angazamkeli izinto njengoko kuchaziwe kwigatya 1.2 nele-1.3 ngezantsi.
1.2 Zonke izinto ezinikezelwe nguHomeChoice kuMthengi zixhomekeke ekuvunyweni kwazo. UMthengi unexesha leentsuku ezili-14 (ezilishumi elinesine) ukususela ngomhla afumene ngawo iimpahla ukuba azihlole ezo zinto, ukuba ayizizo ezo ebezivumile uMthengi nangaso nasiphi na Isizathu, angazibuyisa ngokwegatya elingezantsi loku-1.3 apho esi sivumelwano siza kuyekiswa. ukuba izinto azibuyiselwa nguMthengi kwaHomeChoice zingaphelanga Iintsuku ezili-14 (ezilishumi elinesine) ezifumene uMthengi, uMthengi ngokungenakuphikiswa uyavuma ukuzithenga ezo zinto.
1.3 Izinto kufuneka zibuyiselwe noluhlu olupakishwe nalo ukuya kwaHomeChoice ukusuka kuMthengi kula nto bezifakwe kuyo, ukuba oko kunokwenzeka, kwaye zithunyelwe ngeposi ine-inshorensi. Zonke izinto ezibuyiselweyo kufuneka zithunyelwe kwa-HOMECHOICE, PRIVATE BAG X28, CAPEMAIL, 8003. Zonke izinto kufuneka zibuyiselwe (kubandakanywa nezipho).

2. Iindlela zokuhlawula
Umthengi uza kuzihlawula zonke izinto ngekheshi okanye ngokwemigaqo eqhelekileyo yokuthenga ngetyala ebonelelwa nguHomeChoice, eyokugqibela iyileyo ebonakalisiweyo kwisibonelelo. Ukunikezelwa nguHomeChoice nayiphi na indlela yokuthenga ngetyala kufuneka ibeyimvume enikezelwe nguHomeChoice.

3. Ukuhlawula ngezavenge
3.1 Xa unikwe ukuba ungathenga ngetyala nguHomeChoice unguMthengi, iintlawulo zarhoqo ngenyanga ziza kuhlawulwa ngokwaloo mali nangokwenani lezavenge ezichaziweyo ngokwesivumelwano osenze kwangaphambili neKowuti/izinto ezithengiweyo ezirhafelwayo. Ezo mali esezihlawulwe nguMthengi, kunye nezinye iintlawulo nazo naziphi na iimali ezityalwa nguMthengi, ziza kubonakala kwingxelo oyifumana rhoqo ngenyanga.
3.2 Yonke imali ehlawulweyo iza kulungelelana nenzala kuqala, ize iye kwiindleko zasemthethweni okanye zokukolekwa okanye iindleko neemali ekufuneka uzibuyiselwe ukunyanzela la malungiselelo malunga naziphi na izinto ezithengiselwe umthengi, zilingane netyala eliseleyo.
3.3 Isiqinisekiso esikhutshiweyo satyikitywa ngomnye wabalawuli bakwaHomeChoice esichaza imali etyalwa nguMthengi sisiqinisekiso ngqo sezinto ezikhoyo ezichaziweyo kwaye kufuneka sisetyenziswe ukunika inkxaso nakwesiphi na isicelo senkundla yamatyala okanye sayo nayiphi na intshukumo ethatyathwayo.

4. Ixesha lokuhlawula neentlawulo
4.1 Ixesha lokuhlawula, ukuchaza imali onokuthenga ngayo ngetyala eyandisiweyo, ukuhlawula rhoqo, inani leentlawulo nemihla yentlawulo yokuqala neyokugqibela, jonga elinye icala lolu xwebhu (Isivumelwano sangaphambili kunye nekowuti/Izinto ezithengiweyo ezirhafelwayo).
4.2 Isavenge sokuqala esihlawulwe nguMthengi siza kuhlawulwa ngomhla okanye phambi komhla ochaziweyo kwisivumelwano esenziwe kwangaphambili kwaneKowuti/izinto ezithengiweyo ezirhafelwayo (kwelinye icala lolu xwebhu) 'njengoMhla wokuqala wokuhlawula’.
4.3 Ngokuxhomekeke kumalungiselelo oMthetho, xa uMthengi engakwazi kuhlawula nasiphi na isavenge ngomhla ekufanele ukuba ahlawule ngawo kuza kubangela ukuba uHomeChoice afune yonke imali etyalwayo yexabiso ekuthengwe ngalo etyalwayo engakhange aphinde afumane saziso uMthengi

5. Iintlawulo zokusilela ukuhlawula
5.1 Ukuba uMthengi usemva ngesavenge senyanga kwaye noHomeChoice athathe amanyathelo okumnyanzela kwisivumelwano sakhe ngokoMthetho, uMthengi kuza kunyanzeleka ahlawule iintlawulo zokusilela kwakhe nezokuqokelelwa kwemali ekuye ngabantu abathunywe nabagunyaziswe nguHomeChoice, kubandakanywa iimali zokufunwa kwakhe, ikhomishini yokuqokelela amatyala, iindleko zamagqwetha nezinye iintlawulo ezifanelekileyo ezifunwa nguHomeChoice ekunyanzeliseni esi sivumelwano (njengokukufowunela nokukubhalela iileta), ngokuxhomekeke kumalungiselelo oMthetho.
5.2 UHomeChoice akazi kuqokelela okanye azame ukuqokelela nayiphi na imali yeendleko ezingaphaya kweendleko ezivumelekileyo ngokoMthetho weeNkundla zamatyala zikaMantyi onguNombolo 32 ka-1944, uMthetho weeNkundla zamatyala eziphakamileyo onguNombolo 59 ka-1959 okanye uMthetho wokuqokelelwa kwamatyala onguNombolo 114 ka-1998.

6. Ukuhanjiswa kweempahla, ubunini nomngcipheko
Ngokuxhomekeke ku-1.2 ngentla, ubunini beempahla buza kudluliselwa kuMthengi kanye xa uHomeChoice efumana isixa semali ekuthengwe ngayo, kwaye uMthengi akakwazi kufuna uHomeChoice akhusele nangayiphi na Indlela imali etyalwa nguMthengi kwaHomeChoice nanini na ngokwesi sivumelwano. ubungozi kwizinto ezithengiweyo bugqithiselwa kuMthengi xa kanye ezifumana izinto ezo azithengileyo. ngaphandle kokuba ikhona enye Into eqinisekisiweyo, iphetshana elichaza ukunikezelwa kweempahla liza kuba sisiqinisekiso sokuba iimpahla zifunyenwe.

7. Isiqinisekiso/igaranti
7.1 Isiqinisekiso sempahla (iinkcukacha ezivelayo kwincwadi yezinto ezithengiswayo) siyanikezelwa nguHomeChoice kunye nezinye iziqinisekiso okanye iigaranti ezimiselwe ngumthetho. UMthengi akanawo amanye amabango.
7.2 Umthengi kufuneka achazele uHomeChoice xa kophuke okanye kukho ezinye izinto ezingekhoyo ngokwenza imbalelwano ekufuneka ifike kwaHomeChoice zingaphelanga iintsuku ezili-14 (ezilishumi elinesine) ezifumene iimpahla uMthengi. Xa engakwazi ukwenza oko kuchaza ukuba uyavuma ukuba uzifumene iimpahla uMthengi kwaye ziphelele zikwimeko entle.
7.3 Nangona igatya le-7.1 lichaza, uHomeChoice (iinkcukacha zikhona kwincwadi enezinto ezithengiswa nguHomeChoice) uzihlawulela zonke izinto xa zinokubasengozini yokubiwa kwikhaya loMthengi, ukonakaliswa ngumlilo kwempahla, okanye ukonakaliswa kwempahla ziintlekele, ngaphandle kokuba iintlawulo zoMthengi azikho semva kwaye uMthengi akakenzi amabango kwizehlo ezimbini ngento nganye ethengiweyo. ukuba impahla Ilahlekile okanye ibiwe, yonakele okanye itshatyalalisiwe kwaye ayikwazi kubuyiselwa nangasiphi na isizathu, uMthengi kufuneka aqhubekeke ukuhlawula imali eseleyo yexabiso ebekuthengwe ngalo kunye nezinye iimali eziseleyo ngokwesi sivumelwano.

8. Inzala nezinye iindleko
8.1 Umthengi uza kunikwa isivumelwano sangaphambili nekowuti/nezinto ezithengiweyo ezirhafelwayo ezineenkcukacha malunga neemali ezitsalwayo,iimali zokuqala nezokusiwa kwempahla yakho kuwe njengoko kuchaziwe ngokoMthetho. Inzala iza kulungiselelwa ixesha lesivumelwano kwaye ibalwa yonke imihla ibeyinto enye ngenyanga. Inzala etsalwayo iza kuba kwizinga eliphezulu ngokuvunywe nguMthetho (nceda ujonge ngaphambili kwiphepha lezinto ezithengiweyo inzala).
8.2 UHomeChoice unelungelo lokutsala inzala nakweyiphi na imali engahlawulwayo ngomhla okanye phambi komhla ekufuneka kuhlawulwe ngawo ngokomlinganiselo omnye njengenzala etsalwayo malunga nesi sivumelwano, loo nzala iza kubalwa ukususela ngomhla ebekufanele ukuba kuhlawulwe ngawo ukuya kumhla ekuhlawulwe ngawo ("inzala yokubasemva").
8.3 Inzala yokubasemva (ukuba oko kuyasebenza), iimali ezihlawulwayo, Iimali zokuqala neentlawulo zokuthunyelwa kwempahla yakho kuwe zitsalwa kuzo zonke izinto ezithengisiweyo ngetyala kwaye ibalwa ngokuseMthethweni.
8.4 Intlawulo ehlawulwa rhoqo ngenyanga kwi-akhawunti yakho eyi-R15 . inokunyuka rhoqo ngonyaka kodwa ingenyuki ngaphezu kweepesenti ezili-10. Isaziso esibhaliweyo ngolu tshintsho uza kusinikwa zingaphelanga iintsuku ezi-5 zomsebenzi phambi kokuba Inyuswe le mali.
8.5 UHomeChoice uza kuhlawulisa irhafu yemali yomsebenzi rhoqo ngenyanga njengoko kuchaziwe kwikowuti. Ngokwegunya lakhe, uHomeChoice angawaphelisa amalungelo akhe okuqokelela isixa esithile semali yeenkonzo. Oko kupheliswa kwamalungelo ngabakwaHomeChoice anokupheliswa ngabakwaHomeChoice nanini na kwaye akuzi kulindeleka ukuba uMthengi ukuba abopheleleke okanye ahluke. Ukuba uMthengi uye wangena nakwezinye izivumelwano zokuthenga ngetyala nabakwaHomeChoice, le ntlawulo yomsebenzi ehlawulwa rhoqo ngenyanga iza kufunwa kwisivumelwano sokugqibela

9. Ukunyanzeleka ukuchaza apho zikhoyo izinto
UMthengi, zingaphelanga iintsuku ezil;i-10 zomsebenzi, uza kubazisa abakwaHomeChoice ngembalelwano xa etshintsha Indawo ahlala kuyo uMthengi, indawo apho izinto ziye zathunyelwa khona, ngokuxhomekeka kwesi sivumelwano, zigcinwe ngokwesiqhelo negama nedilesi laloo mntu izinto ziye zatshintshelwa kuye. Esi saziso singasiwa ngesandla, zithunyelwe ngeposi ebhalisiweyo okanye nge-imeyile. Ukuba uMthengi akabazisi abakwaHomeChoice ngokutshintsha kwedilesi loo nto lityala.
Umthengi kufuneka azise kwangoko uHomeChoice ngembalelwano xa esthintshe idilesi shlala kuyo umthengi, Idilesi esikuyo izinto ezithengiweyo, ngokuxhomekeke kwesi sivumelwano, zigcinwa ngolo hlobo bezilulo ekuqaleni kwaye zisegameni nakwidilesi laloo mntu zigqithiselwe kuye izinto. Esi saziso singasiwa ngesandla, sithunyelwe ngeposi ebhalisiweyo okanye nge-imeyile.

10. Idilesi yokwamkela amaxwebhu/imbalelwano
Iidilesi esichazwe kwifomu ye-odolo nakwisivumelwano esenziwe kwangaphambili nakwikowuti yoMthengi neyakwaHomeChoice kufuneka ibeyidilesi apho aza kufumana khona zonke izaziso, izinto ezenziwayo, iingxelo nembalelwano apho iza kuthunyelwa khona. UMthengi noHomeChoice baza kwazisana ngembalelwano ngalo naluphi na utshintsho lwedilesi kwaye olu tshintsho luza kwenzeka zingaphelanga iintsuku ezili-14 (ezilishumi elinesine) emva kwesaziso. Esi saziso singasiwa ngesandla, sithunyelwe ngeposi ebhalisiweyo okanye nge-imeyile..

11. Iinkcukacha zokuthenga ngetyala nomda onokuthenga ngawo
Umthengi uyavuma ukuba uHomeChoice angabhalisa iinkcukacha ngesimo sokuziphatha koMthengi ekuhlawuleni I-akhawunti yakhe kwiBhunga elijongene nabo bathenga ngetyala, engakhange aziswe uMthengi ngoko. Ezo nkcukacha zingasetyenziswa nguHomeChoice nangamanye amalungu ebhunga elineenkcukacha ngabo bathenga ngetyala ukuba bathathe izigqibo ngokuthenga ngetyala malunga noMthengi kunye/okanye amalungu ekhaya lakhe, ukunqanda ubuqhetseba nokunceda ukufumana abanamatyala.

12. Ukwaphula Isivumelwano/Ilungelo likaHomeChoice lokuphelisa isivumelwano
12.1 Ukuba uMthengi:
12.1.1 akazihlawuli iintlawulo ekufanele azihlawule okanye naziphi na iimali ngokwesi sivumelwano okanye ukwaphula nasiphi na kwesi sivumelwano; okanye
12.1.2 athinjelwe impahla;
uHomeChoice angakwazisa oku ngoMthengi ngembalelwano kwaye acebise ukuba uMthengi athunyelwe kubacebisi babo bathenga ngetyala, kumagosa asombulula ukungavisisani, inkundla yabathengi okanye kwabanegunya loko, ngenjongo yokuba loo maqela asombulule nakuphi na ukungavisisani phantsi kwesi sivumelwano okanye benze isicwangciso bavumelane ngaso ukuhlawula iintlawulo phantsi kwesi sivumelwano.
12.2Ukuba uMthengi waphule esi sivumelwano iintsuku ezingama-20 (ezingamashumi amabini) zeentsuku zomsebenzi nobuncinane beentsuku ezil10 (ezilishumi) zeentsuku zomsebenzi ukususela oko uHomeChoice ethumelele uMthengi isaziso kwaye uMthengi akakaphenduli kwisaziso, okanye uphendule ngokungasivumi isicelo sikaHomeChoice, uHomeChoice angaya kwiinkundla zamatyala afumane isigunyaziso esinyanzelisa esi sivumelwano;
12.3 Umthengi, nanini na phambi kokuba uHomeChoice asirhoxise esi sivumelwano, angasibuyisela isivumelwano esaphulweyo ngokuhlawula yonke imali asemva ngayo kwaHomeChoice, kunye neemali zokungahlawuli uHomeChoice nezinye iindleko ezifanelekileyo ezinyanzeliswa sesi sivumelwano ukuya kwixesha esibuyiselwe ngaso isivumelwano.
12.4 Ukuba uMthengi:
12.4.1 unike ingxelo engeyiyo okanye ummeli malunga nesi sivumelwano okanye nemicimbi yakhe yezemali okanye njengomntu onemali eyaneleyo yokuhlawula amatyala; okanye
12.4.2 enze okanye kubenzima ukwenza nantoni na eza kwenza kugxojagxojwe amalungelo kaHomeChoice esi sivumelwano; uHomeChoice unelungelo ngaphandle kokwenza isaziso kuMthengi nangaphandle kokugxojagxojwa nawaphi na amalungelo kodwa ngokuxhomekeke kumalungiselelo oMthetho, angasirhoxisa isivumelwano, azibuyisele kuye iimpahla kwaye azibange njengomonakalo, intlawulo yemali eseleyo ayikwazi kuhlawulwa ngelo xesha kurhoxiswe ngalo eso sivumelwano.

13. Ukuhlawula kwangethuba
13.1 Umthengi kufuneka elihlawule ityala lakhe elipheleleyo phantsi kwesivumelwano sokuthenga ngetyala nanini na, enze okanye ngaphandle kokwenza Isaziso kwangaphambili kwaHomeChoice.
13.2 Ukuba umthengi unqwenela ukulihlawula lonke ityala phambi komhla obekiweyo afanele ukuhlawula ngawo, kufuneka enze isicelo kwaHomeChoice sokuchazelwa ukuba angahlawula malini na xa efuna ukuligqiba ityala, imali ebaliweyo ngokwelungelo likaHomeChoice kuqwalaselwa naziphi na iimali ngokubhekisele kwigatya lesi-8 kodwa ngokuxhomekeke kumalungiselelo ngokoMthetho. Ukuba uMthengi wenza izigqibo zokuhlawula yonke imali yokugqiba ityala lakhe ngaphandle komhla omiselweyo, kufuneka aqinisekise ukuba loo ntlawulo ifunyanwa nguHomeChoice phambi komhla olandelayo wokwenza ingxelo.

14. Izavenge zenyanga
UHomeChoice uza kuthumela ingxelo yarhoqo ngenyanga kuMthengi ngeposi okanye nge-imeyile echaza lilonke ityala ekufuneka lihlawulwe nguMthengi ngomhla wokunika ingxelo.

15. Ukunikezela ngempahla
Umthengi angabhala isaziso esiya kwaHomeChoice esiphelisa isivumelwano azibuyisele ezo mpahla eziphantsi kwesivumelwano azise kwindawo asebenzela kuyo uHomeChoice zingaphelanga iintsuku ezi-5 (ezintlanu) zomsebenzi emva komhla wesaziso esibhaliweyo okanye lingaphelanga elo xesha ekuvunyelwene ngalo noHomeChoice. Iindleko zokubuyisela impahla kwaHomeChoice ziza kuxhomekeka kuMthengi.

Zingaphelanga iintsuku ezili-10 (ezilishumi) zomsebenzi kufunyanwa isaziso esibhaliweyo okanye kufunyanwa Iimpahla, uHomeChoice uza kunika uMthengi isaziso esibhaliweyo sexabiso eliqikelelwayo leempahla. Ngaphandle kokuba uMthengi akahlawuli, angasirhoxisa isaziso sokuphelisa isivumelwano aqalise ngokubangumnini weempahla. Iindleko zokuthumela iimpahla kuMthengi iza kubaziindleko zoMthengi.

Ukuba uMthengi akahlawuli okanye akaziphenduli izaziso, uHomeChoice kufuneka azithengise iimpahla ngexabiso elifanelekileyo kwangoko.

Emva kokuthengisa iimpahla waza i-akhawunti yoMthengi wayifaka iindleko zokuthengisa nezinye iindleko ezivumelekileyo, uHomeChoice uza kumazisa uMthengi ngembalelwano ngemali ekufuneka eyihlawule eseleyo (ukuba ikho) afune ahlawule loo ntlawulo. Inzala ihlawulwa nguMthengi elivumelekileyo kwisivumelwano sokuthenga ngetyala nakweyiphi na imali eseleyo efunwa nguHomeChoice ukususela ngomhla ekufunwe ahlawule ngawo ukuya kuhla ahlawule ngawo. Isivumelwano siyapheliswa xa kuhlawulwe Imali eseleyo nenzala.

16. Ezinye izinto zentengiso
UHomeChoice uza kunika/sele enike uMthengi ithuba lokukhetha kwezi zinto zilandelayo:
- angabinakufakwa kuwo nawaphi na amaphulo okutsalelwa umnxeba ngezentengiso anokwenziwa nguHomeChoice okanye egameni lakhe;
- angabinakufakwa kuluhlu lwezentengiso okanye labathengi abanokuthengiselwa okanye lusasazwe nguHomeChoice;
- angabinakufakwa kwizinto ezisasazwayo nge-imeyile okanye kwimiyalezo yesms.

Umthengi nangaliphi na Ixesha angaqhagamshelana noHomeChoice kwaye amcele ukuba izinto ezikhethiweyo nguMthengi zihlengahlengiswe.

17. Ezinye izinto ezifunyanwayo kwabakwaHomeChoice
Ziya kwinto yokuba i-akhawunti yomthengi iyahlawulwa ngokwemigaqo-nkqubo yokunika ingxelo. AbakwaHomeChoice bathemnbisa ngokucima Imali eseleyo eyiR2 500 kwityala lakho xa eye wakhubazeka ngokusigxina okanye wasweleka umthengi.

Okunye okuzuzwayo ngokubane-akhawunti nabakwaHomeChoice kuxhomekeke kwisimo se-akhawunti yoMthengi kwaye oko kunokutshintsha kungakhange kunikwe saziso.

18.Jikelele
Akukho kuguqulwa, zilungiso okanye zinto zongezwayo, okanye kucinywa nantoni na kule migaqo nemiqathango esebenzayo nenyanzelwayo ngaphandle kokuba oko kuye kwabhalelwana ngako kwaye kwatyikitywa ngawo omabini amaqela.

Akukho kuziyekelela okwenziwa nguHomeChoice okunokubangela uHomeChoice ancame nawaphi na amalungelo akhe kwesi sivumelwano. Umthengi akanakuwancama amalungelo akhe phantsi kwesi sivumelwano ngaphandle kwesivumelwano esivunyiweyo esenziwe kwangaphambili ngabakwaHomeChoice.

Umthengi uyavuma ngokwesigunyaziso senkundla yamatyala ukuba negunya emntwini malunga nazo zonke iinkqubo ezisemthethweni ezinxulumene nesi sivumelwano noxa kunjalo ixabiso lalo mba wokungavisisani ungangaphaya kwegunya leenkundla zamatyala.

UHomeChoice ngumboneleli weenkonzo onesiqinisekiso sokwenza oko ngokoMthetho weFAIS. Esi sivumelwano siza kulawulwa nangayo nayiphi na imeko nguMthetho waseMzantsi Afrika.

Shopping made easy
Easy monthly terms
No deposit, no risk 14 Days Delivery  
Call me back Visa and MasterCard Thawte

COMMUNITY
Facebook
YouTube


SHOP
Catalogue quick order
Shopping basket
Checkout
Download the catalogue

SERVICES
Contact us
Customer services
Frequently asked
HomeChoiceplus
FinChoice
INFO CENTRE
Web Terms & Conditions
Terms & Conditions of sale
Delivery Charges
Returns Policy
Privacy
Request a catalogue
Competitions
HomeChoice Winners
Competition rules
National Credit Act
Sitemap

To Top Home HomeChoice, 78 Main Road, Wynberg 7800, Cape Town, South Africa. Contact info: Tel (SA only): 0861 466324
Tel (outside SA): +27 21 680 1300 Fax +27 21 680 1100 E-mail contact@homechoice.co.za
dma